Foto: Shelley Christians/UWC

UWK Palm Top 10-Posisie In Die QS Se Wêreldranglys Vir Afrika Suid Van Die Sahara In 2026

Die Universiteit van die Wes-Kaap (UWK) is weer eens erken as een van die vasteland se voorste instellings, met ’n posisie onder die top 10 van die QS (Quacquarelli Symonds) se wêreldranglys vir universiteite vir Afrika suid van die Sahara in 2026. 

Die prestasie weerspieël meetbare institusionele prestasie volgens hoofaanduiders wat navorsingsterkte, globale betrokkenheid, leerervaring, indiensneembaarheid en volhoubaarheid assesseer. Die UWK se prestasie in die kategorie vir navorsing en ontdekking, wat teen 50% die meeste gewig dra, onderstreep die Universiteit se toenemende navorsingsinvloed. Die Universiteit het ’n sitaattelling van 70.2 behaal, wat dit bo verskeie eweknieë, waaronder die Universiteit van Pretoria, die Universiteit van die Vrystaat en die Universiteit van Ghana plaas. Sitaatsterkte dui daarop dat die UWK se akademieskap globaal gelees, gesiteer en gebruik word, wat die sigbaarheid en impak van die navorsing uitlig. 

In globale betrokkenheid, wat 15% van die gradering vorm, het die UWK ’n indrukwekkende internasionale navorsingstelling van 90.7 behaal. Dit weerspieël diepe betrokkenheid by globale akademiese netwerke en bevestig dat die UWK se navorsers internasionaal meewerk op vlakke wat vergelykbaar is met dié van ander eersteklas instellings in die streek. Die Universiteit se webimpaktelling van 82.1 demonstreer voorts sterk digitale sigbaarheid en doeltreffende kennisverspreiding aanlyn.

Die UWK het ook in die kategorie vir leerervaring uitgeblink. Die telling van 35.5 vir die dosent-student-verhouding strook met nasionale eweknieë en weerspieël stabiele onderrigtoestande in ’n sektor met beperkte hulpbronne.

Soos die Universiteit steeds voortgaan om sy doktorale toevoer te versterk, bly personeelkwalifikasies ’n strategiese prioriteit binne die breër agenda van navorsingsintensivering.

Die QS-metodologie plaas beduidende klem op reputasie, met feitlik 45% van die gradering wat deur opnames oor akademiese en werkgewerreputasie bepaal word. Die handhawing van die top 10-posisie binne ’n raamwerk waarin reputasie groot gewig dra, lig die UWK se veerkragtigheid en mededingende krag uit in ’n landskap wat geskiedkundig deur navorsingintensiewe universiteite oorheers is. 

Die UWK se teenwoordigheid onder die top 10 universiteite in Afrika suid van die Sahara is meer as ’n eerbewys; dit is ’n bewys van tasbare prestasie oor geweegde aanduiders heen. Dit weerspieël akademieskap wat beïnvloed, vennootskappe oor grense heen, en ’n verbintenis tot uitnemendheid wat steeds die instelling voorwaarts aandryf.

I-UWC ibekwe kumanqwaqwa aphezulu ngokuthi ibe kwi10 lokuQala leengcungcu kwiQS Sub-Saharan Africa Rankings 2026

Umfanekiso: Shelley Chirstians/UWC

IYunivesithi yaseNtshona Koloni (UWC) iphinde yabonakala njengenye yamaziko ahamba phambili kwilizwekazi leAfrika lilonke, ngokuthi ibekwe kwishumi lokuqala kwiQS Sub-Saharan Africa Rankings 2026. 

Le mpumelelo ibonisa ukusebenza kweli ziko ngokumandla, liphumelela kuzo zonke izikhombisi zempumelelo ezingundoqo ezivavanya amandla ezophando, ukusebenzisana nehlabathi, amava okufunda, ukukwazi ukusebenza emva kokufumana izifundo nozinzo. Intsebenzo yeUWC kwicandelo lezoPhando nelokuFumanisa, ekuballwa kulo awona mmanqaku maninzi angu50%, ibonisa ifuthe layo elikhulayo kwezophando. Le Yunivesithi ifumene amanqaku ocatshulo angu70.2, nto leyo eyenze ukuba amanqaku ayo abe ngaphezu kwawamanye amaziko, kubandakanywa aweYunivesithi yasePretoria, iYunivesithi yaseFree State, neYunivesithi yaseGhana. Into engundoqo ngocatshulo kukubonisa ukuba imisebenzi yokufunda ephuma eUWC iyafundwa, iyacatshulwa yaye iyasetyenziswa kwihlabathi lonke, nto leyo eqaqambisa ukubonakala kwayo nefuthe layo lophando. 

Kwintsebenziswano neHlabathi, ebalelwa kumamanqaku ayi15%, iUWC igqwese ngamanqaku kuPhando lweHlabathi angu90.7. Oku kubonisa intsebenziswano emandla nenzulu kuthungelwano  lwemisebenzi yokufunda esetyenziswa kwihlabathi lonke yaye iqinisekisa ukuba abaphandi baseUWC bayasebenzisana nabaphandi abakwihlabathi lonke kumazinga aphezulu athelekiswa nalawo amaziko akwizinga eliphezulu kummandla welizwekazi.  Inqaku leFuthe leWebhu yeYunivesithi eliyi82.1 libonisa ubukho bayo kwiqonga ledijithali nokukwazi ukuhambisa ulwazi ngeintanethi.

I-UWC iye yagqwesa nakuluhlu lwaMava ezokuFunda. Inqaku loBungakanani baBafundi kwiiFakhalthi eliyi35.5 lihambelana nelamanye amaziko kwilizwe yaye libonisa iimeko zokufundisa ezizinzileyo noxa izixhobo nezibonelelo zingeninzi kuyaphi kweli candelo.

Njengokuba iYunivesithi iqhubeka ukuqinisa imisebenzi yokufunda izifundo ezikwizinga lobugqirha, izifundo eziphunyelelwe ngabahlohli  zingumba ojongwe kakhulu kwiajenda yokuqinisa uphando ngokubanzi olwenziwa lweli ziko.

Inkqubo yeQS igxininisa kakhulu kwinkangeleko nesidima seziko, yaye malunga ne45% yamanqaku ivela kuphononongo lweZifundo neNdlela ekuBonwa ngayo uMqeshi . Ukugcina izinga lokuba kwi10 ePhezulu (Top 10) kwisikhokelo sokugcina isidima seziko, kubonisa ukuzingisa kweUWC nokukwazi kwayo ukukhuphisana nezinye iiyunivesithi ebezikade zigqwesa kuphando olunzulu. 

Ubukho beUWC kwezona yunivesithi ziPhambili zili10 kwiSub-Saharan Africa akupheleli nje ekubeni ibe liwonga; bubungqina bentsebenzo ebonakalayo kuwo onke amacandelo ebenikwa amanqaku.  Kubonisa izifundo ezinefuthe, ubuhlakani obudlula ngaphaya kwemida yelizwe kunye nokuzibophelela ekugqweseni okuthi kuphehle eli ziko ukuba liye phambili.

Image: Shelley Christians/UWC

The University of the Western Cape (UWC) has once again been recognised as one of the continent’s leading institutions, securing a position in the Top 10 of the QS Sub-Saharan Africa Rankings 2026. 

The achievement reflects measurable institutional performance across key indicators that assess research strength, global engagement, learning experience, employability and sustainability. UWC’s performance in the Research and Discovery category, the most heavily weighted at 50%, underscores its growing research influence. The University achieved a citations score of 70.2, placing it ahead of several peers, including the University of Pretoria, the University of the Free State, and the University of Ghana. Citation strength signals that UWC’s scholarship is read, cited and used globally, highlighting the visibility and impact of its research. 

In Global Engagement, which accounts for 15% of the ranking, UWC achieved an impressive International Research score of 90.7. This reflects deep engagement with global scholarly networks and confirms that UWC’s researchers collaborate internationally at levels comparable to those of other top-tier institutions in the region. The University’s Web Impact score of 82.1 further demonstrates strong digital visibility and effective online knowledge dissemination.

UWC also excelled within the Learning Experience category. The Faculty–Student Ratio score of 35.5 aligns with national peers and reflects stable teaching conditions in a resource-constrained sector.

As the University continues to strengthen its doctoral pipeline, staff qualifications remain a strategic priority within its broader research intensification agenda.

The QS methodology places considerable emphasis on reputation, with nearly 45% of the ranking driven by Academic and Employer Reputation surveys. Maintaining a Top 10 position within a reputation-heavy framework highlights UWC’s resilience and competitive strength in a landscape dominated by historically research-intensive universities. 

UWC’s presence in the Top 10 universities in Sub-Saharan Africa is more than an accolade; it is evidence of tangible performance across weighted indicators. It reflects scholarship that influences, partnerships that cross borders, and a commitment to excellence that continues to push the institution forward.